Abadlali beqonga bafuna inkxaso kurhulumente wephondo leMpuma Koloni

Posted on

By: Nosipho Haya-Komisa

Umdlali weqonga oyinzalelwane yephondo leMpuma Koloni uMlamli Mangcala, nodlala indawo ka captain Sthembiso Radebe kumboniso kamabonakude othi “The Queen” uthi uninzi lwabadlali beqonga abagcwalise iphondo lase Gauteng zinzalelwane zephondo leMpuma Koloni, nebekumele okokuba zikhulisa uqoqosho lweliphondo.

uMangcala uthi ukunqongophala kwenkxaso yezimali evela kurhulumente ngunobangela wokuba bafudukele eGoli beyokufuna amarhewu aluhlaza kwezeqonga.

Lomdlali weqonga ukuthethe oku ngethuba umphathiswa wesebe lezimidlalo ubugcisa nenkcubeko kwi phondo leMpuma Koloni uBulelwa Tunyiswa ebambe indibano kunye namanye amalungu abandakanyekayo xa kuthenthwa ngophuhliso lwezemidlalo nenkcubeko kweliphondo.

Ukwathi iphondo laKwa-Zulu Natal libanika inkxaso emandla abadlali beqonga kwelaphondo, “Xa ujonga imeko yemidlalo yeqonga kwiphondo laKwa-Zulu Natal, wofumanisa okokuba urhulumente ubanika inkxaso ngokwezimali.” Kodwa oku akunjalo xa bejonga emva apho baphuma khona kwi phondo leMpuma Koloni bazibona bengahoyekanga.

Ukwa thelekise umgangatho wemidlalo yeqonga kwilize lase Nigeria neli loMzantsi Afrika ngelithi, “Imidlalo yeqonga igalela malunga neshumi elinanye lezigidi zeerandi kuqoqosho lwelizwe lase Nigeria.”

Ngethuba ethetha kule ndibano umphathiswa uBulelwa Tunyiswa uthe injongo yale ndibano yeyokuba elisebe lifakane umlomo namalungu abandakanyekayo kukhangelwa isisombululo kwimiceli mngeni ejongene nophuhliso kwelisebe, kwanokuba beze nezikhalazo zabo khonukuze kubeko umkhomba ndlela ukuya kunyaka mali ka 2019-2020.

Umphathiswa woleke ngelithi “Enye yenjongo zale ndibano sizise izicwangciso sethu ukuze wonke umntu ahlomle sitsho singu rhulumente sazi okokuba abantu bafuna ntoni kuleminyaka mihlanu izayo.”

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *