Umphathiswa wezimali uzabile izitya kwiphondo le Mpuma Koloni

Posted on

By: Nosipho Haya-Komisa

Indlu yowiso mthetho kwiphondo leMpuma-Koloni ibizele ime ngeembambo kuzokumanyelwa intetho yohlahlo lwabiwo mali lonyaka ka 2019/20. Phakathi kwabantu ebebe zimase lomsitho singakhankanya amagosa aphezulu eburhulumenteni, amaqela ezopolitiko kunye nabahlali ngokubanzi.

Ngethuba esenza intetho yakhe yohlahlo lwabiwo mali umphathiswa wesebe lezimali kwiphondo leMpuma-Koloni uOscar Mabuyane, uthe thaca imali ekumyinge we 82,2 billion ye randi.

Koluhlalhlo lwabiwo mali esona sixa sikhulu siye kumasebe amabini ka karhulumente, elezemfundo kunye nelezempilo ephondweni.

UMabuyane ubhengeze ukuba enye imali yabelwe ingxowa mali yabantu abatsha ebizwa ngokuba yi iSiqalo Youth Fund nezakuphuhlisa amashishini asakhulayo aqhutywa lulutsha lweliphondo.

Uninzi lwabantu abebezimase lomsitho babonakale bekuqhwabela izandla ukwabelwa kwe iSiqalo Youth Fund isixamali esithile kodwa elinye lamaqela aphikisayo likugxekile oku.

Usihlalo weEFF kwiphondo leMpuma-Koloni uYazini Tetyana uthi “kudlalwa nje ngemali karhulumente, kuba umsebenzi we iSiqalo Youth Fund ufana nqwa nowe NYDA”.

Namhlanje umphathiswa ubambe isidlo sakusasa nosomashishini (business breakfast) eEast London IDZ kuhlafunwa ngakumbi oluhlalo lwabiwo wamali.

Photo supplied by MEC Lubabalo Oscar Mabuyane Facebook page: Treasury MEC Oscar Mabuyene.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *