Abahlali beelali zase Qonce bakhala ngokunqongophala kwamanzi

Posted on

By: Nosipho Haya-Komisa

Abahlali belali yakwa Dubu eQonce bakhalaza ngelithi oko badinga amanzi ukususela ngo October wonyaka ophelileyo. Bathi umasipala weBuffalo City Metro uyazenza iinzame zokuba kubekho amanzi, ngokuthi kubekho oogqampompo abajikelezayo kwezilali, kodwa oko kukhangeleka ngathi akonelanga nanjengoko ugqampompo engafiki rhoqo.

Bakwatyhola ngelithi ugqampompo ufika kube kanye ngosuku aphinde ajike babe abanye abantu bengakhange bawafumane amanzi.

Inkondekazi esele ikhulile nengakhange ifune okokuba igama layo likhankanywe ithi bayalelwa okokuba babeke inkonkxa zamanzi ecaleni kwendlela ukuze bakwazi ufumna amanzi asuka ku gqampompo kodwa oku kunzima kuye.

“Lo gqampompo umisa kwisitalalato esikude kunendlu yam, thina ke singabantu abadala asinawo amandla okuhamba umgama omde, kuba mna ndikhathazwa yimilenze”, itshilo le nkondekazi.

Umakhulu woleke ngelithi bakhe bamcela umqhubi ka gqampompo ukuba abazisele ezindlini amanzi kodwa umqhubi wala ngelithi lowo asingomsebenzi wakhe.

Oonondaba beBCM News badlane iindlebe noceba wakwa ward 40 uKholiwe Faku uthe, “ndenza ngako konke okusemandleni ukuqinisekisa okokuba wonke umntu uyawafumana amanzi ndide ndacela umaspala ukuba ongeze abanye ogqampompo abathathu”.

“Iilori zamazni zifika rhoqo emva kwentsuku ezimbini, abantu ndiyabaxelela okokuba umntu makagalele kangangoko efuna ukwenzela okokuba amanzi wakhe akwazi uhlala ixesha elide”, utshilo.

Uceba wongeze ngelithi ezilori zihambisa amanzi kuzo zonke iilali zase Qonce kwaye zininzi ilali ezinegxaki yamanzi ezifana noKodidi noNononkcampa.

Ukwathe xa abahlali befumana ingxaki malunga nogqampompo mabamazise ukuze akwazi uthetha nomntu uqhuba ugqampompo lowo.

Inzame zokufumana isithethi sika masipala we Buffalo City Metro ziwe phantsi.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *