Iqela lebhola ekhatywayo iTornado libhiyozele ubomi buka Mawawa

Posted on

By: Nosipho Haya-Komisa

Ibizele imingembambo iholo yedolophu yesixeko saseMonti ngenjikalanga yayizolo yiyinginginya yabantu abebeze kugxwala emswaneni kumsitho wesikhumbuzo sexhwele elaziwayo, kwa nomnini weqela lebhola ekhatywayo iTornado football Club u Siphiwo Mawawa Nyobo.

UNyobo wadutyulwa lahlanza iselwa kwiveki ezimbini ezigqithileyo ngaphandle kwebala iNorth End eMonti. Phakathi kwabantu abebezimase lomsitho singakhankanya izikhwakhwa zombutho webhola ekhatywayo kweli iSAFA ,abezopolitiko, amagosa karhulumente,umphathi weqela lebhola ekhatywayo iChippa United uSiviwe ‘Chippa’ Mpengesi kunye neenyangi zesintu.

Ethetha kulomsitho umphathiswa wesebe lezemidlalo kwiphondo leMpuma Koloni uBulelwa Tunyiswa uthe isebe lakhe lizakwenza ngako konke okusemandleni ukuxhasa usapho lakwa Nyobo kunye neqela lakhe leTornado.

Umphathiswa umchaze loka Mawawa njenge lungisa umntu othobekileyo nobekhonza abantu bephondo leMpuma Koloni ingakumbi abase Mdantsane.

Ebehekisa amazwi akhe ovelwane kusapho lakwa Nyobo, umphathiswa uthe mabangalahli themba ngakwi ngalo yomthetho.

“Ingalo yomthetho ingaba kanti ithatha ixesha elide kodwa abenzi bobubi bazokufumaneka,” utshilo umphathiswa.

Ithetha egameni losapho intombi kaMawawa uYanga Nyobo umchaze utata wakhe njengomntu obeliqhula, obamnkelayo abantu ngokwendlela abayiyo kwaye ongakhethi bani othanda nje wonke umntu.

Ukwathe utata wakhe ubafundise ukukwazi umelana nenzingo zobomi, kwaye bakwazi ukufumana isisombululo kuzo zonke ingxaki abathi bagaxeleke kuzo.  

UYanga uthi utata wakhe ibingumhlobo wakhe osenyongweni, “ndiphulukene nomhlobo kodwa ndizakuqinisekisa okokuba umzila wakhe uhlala uhleli.”  

Umqeqeshi oyintloko kwi Tornado Foootball Club uTshepo Motsoeneng  ubongoze abahlali besixeko seBuffalo City Metro ukuba balixhase eliqela.

Naye loka Motsoeneng umchaze uMawawa njengendoda ebikholelwa kwintsebenziswano, ukwakhuthaze oogxa bakhe kwiqela leTornado ukuba basebenzisane kwaye baxhasane.

Inkonzo yokugqibela kaMawawa izakubanjelwa kwikhaya lakhe elise Mdantsane kwa NU 17 ngoMgqibelo umhla weshumi elinesithandathu.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *