By: Nosipho Haya-Komisa
Kutsha nje Isebe lophuhliso loqoqosho, imicimbi yokusingqongileyo kunye nokhenketho ibambisene neLiquor Board kunye namaziko emfundo ephakamileyo basungule iphulo elichasene nokusetyenziswa kotywala neziyobisi ngokugqithisileyo kumaziko emfundo ephakamileyo.
Lomsitho ububanjelwe kwi Hotele iRegent eMonti ngolwesithathu phantsi komxholo othi “Sober mind bright future.” Injongo yeliphulo kukufundisa abantu abatsha aba kumaziko emfundo ephakamileyo kwiphondo lempuma koloni ngobungozi bokusebenziswa kotywala neziyobisi.
Ethetha kulomsitho umphathiswa wesebe lophuhliso lwezoqoqosho kwiphondo leMpuma Koloni
uOscar Mabuyane uthe, “Into ebangele okokuba siphakame sisungule eliphulo kubona okokuba abantu abatsha abakumaziko emfundo ephakamileyo ababuseli nje utywala koko bayabugalela.”
UMabuyane utyatyadule wenjenje “Urhulumente wenza inzame zokuba abantwana bafunde lula, ugalela imali kwi bhanka zabo kodwa kuyothusa ukufumanisa okokuba lomali iphelela kumaziko entselo, singu rhulumente siyayikhalimela into yokufakwa kwemali yerhafu yabantu kumaziko athengisa ngotywala nakufutshane nezikolo, sonke siyayazi into yokuba utywala abakhi buyachitha.”
UMabuyane uqwele intetho yakhe ngelithi elilizwe lifuna abantwana abazakuba yityuwa yehlabathi kwaye bengu rhulumente bazakuthi gqolo bengena kumaziko ngamaziko beshumayeza abafundi ngobungozi bokusetyenziswa kotywla ngendlela engeyiyo. Utywala neziyobisi bunemiphumela emibi kuba emva kobusela uzibona sele usenza izinto ezimke mpela ebuntwini nobungasoze uzenze xa ungabuselanga.
Usihlalo we Liquor Board kwiphondo lempuma koloni uProfessor Lindelwa Majova-Songca, ukhankanye imiphumela engemihle ebangelwa kukuselwa kotywala, iziganeko zodlwengulo nokubulalana kwabafundi ezisoloko zibikwa rhoqo. “Ngalo lonke ixesha sisoloko sisiva ngabafundi abadlwengulweyo, abahlatyiweyo okanye babandakanyeka kumaqela omlo, kwaye zonke eziziganeko zenzeka abafundi bephantsi kwe mpembelelo zotywala.”
Omnye wabafundi abebezimase lomsitho nophuma kwisikolo samabanga apahakamileyo i-Unathi eCambridge uthe uyavuya xa eliphulo lizokuphehlelewa eMonti kwaye eyona nto ayifundileyo kukuba umntu izigqibo azithathayo mazingalalwula luxinzelelo lwabahlobo bakhe. Lomfundi woleke ngelithi uzakufundisa ogxa bakhe esikolweni ngendlela ephucukileyo yokusetyenziswa kotywala kwa nobungozi babo.
