Sichazwe njenge sithwaxwa yimbalela isixeko seBuffalo City

Posted on

By: Nosipho Haya-Komisa

Emva kokuba usodolophu wesixeko seBuffalo City Metro uXola Pakathi ebone umthamo wamanzi kwidama iBridle Drift eyaziwa njengo Grinika nelinkinkishela amanzi uMdantsane neMonti usichaze esisixeko njenge sithwaxwa yimbalela.

Usodolophu uthi injongo yakhe yokutyelela elidama ibikukuhlola ubungakanani bomthamo wamanzi. “Intlekela yembalela igalelekile kwesisixeko kwaye singu lomasipala sixhalabile kakhulu lizinga lomthamo wamanzi elisezantsi kwelidama nakumanye amadama aphantsi kwe Amatola Water. Umthamo wamanzi kulamadama ungaphantsi komyinge wamashumi amahlanu ekhulwini. Ukuba imvula ayinakuna ukususela ngoku uyotsho ngoDecember esisixeko sisengxakini.”

Loka Pakathi uthi umthamo wamanzi osenzantsi nokunqaba kwemvula kwesisixeko kunyanzelise lomasipala ekubeni ufake isigaba sesibini sokuthintela ukusetyenziswa kwamanzi ngokugqithisileyo okanye ustage two water restrictions ngolwase mzini. Kuzofuneka uluntu lucuthe mthamo wamanzi eliwusebenzisayo ngomyinge wamashumi mabini epesenti ekhulwini.

Usodolophu ubongoze bonke abahlali ekubeni balandele imigqaliselo ebekwe ngulomasipala nejolise ekuthinteleni okokuba esisixeko singade sifike kuday zero wokugabikho kwamanzi.

Ngethuba encokola nonondaba beBCM News ongumsebenzi kwindawo ehlamba iimoto iMonate Corner uNoluvuyo Ngqandu uvakalise inkxalabo ngesibhengezo sika sodolophu, “kuyaxhalabisa ukuva okokuba esisixeko singafikelela ku day zero wokungabikho kwamanzi, lonto ithetha ukuba thina bantu baphila ngokuvasa iimoto kuzofuneka siyogcakamela ilanga elokishini,” utshilo uNoluvuyo.
UNgqandu thi yena nogxa bakhe bazakuzama ngako konke abanako ukulandela imiqathango yalomasipala ejoliswe ekongeni amanzi.

Jenny Butoyi ngumnikazi wendawo yokwenza iinwele iImage Hair Salon uthi kuzokubanzima kakhulu kuye kuba umsebenzi wakhe umnyanelisa okokuba asebenzise amanzi kakhulu nanjengoko imveliso azisebenzisayo zinobungozi xa zingavaswanga kakuhle.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *