By: Nosipho Haya-Komisa
Abahlali kunye neentsapho zamaxhoba alowo utyholwa ngeziganeko ezingamashumi amane (40) zodlwengulo kunye namathathu (3) okubulala uMalibongwe Ncokolo bebelugcwabevu ngumsindo becula amagwijo ngaphandle kwenkundla ephakamileyo yase Bhisho izolo.
UNcokolo oneminyaka engamashumi amane anesithandathu, 46, utyholwa ngokudlwengula ze abulale uBongiwe Matoyo,uLindiwe Malote kunye nomye umntu wasetyhini phakathi ko NU6 no NU2 eMdantsane. Ezinye zeziziganeko zodlwengulo zenzeka eMdantsane, Chicken Farm, eNxarhuni nase Post Dam phakathi konyaka ka 2014 no 2017.
Izolo inkundla ephakamileyo yase Bhisho ive indlela eyathi yadlwengulwa ngayo intwazana eneminyaka elishumi elinesixhenknxe (17) ngoMay ka2017, kwindlela yenyawo enqumla phakathi koNU2 noNU6 eMdantsane. Ngeloxesha lentwazana yayineminyaka elishumi elinesine isenza uGrade 8 kwisikolo samabanga aphakamileyo iJohn Biseeker, eParkside.
“Kwakusemini emaqanda ndisiya kwamakazi wam, ndaze ndathatha indlela enqumayo, ndithe ndisahamba ndeva ngomntu obuza igama lam esiza emva kwam, zange ndimphendule kodwa ndeva sele endikrwitsha endiqhubela kumatyholo akufutshane ze wandidlwengulela khona,” itshilo lentwazana.
Inika ubungqina lentwazana kwi jaji echophele elityala uIgna Stretch ithe ngexesha umrhanelwa esenza lo dulubhentsu imfonomfono kunye nemali yakhe zaye zawa ze uMalibongwe wazithatha wazifaka kwipokotho yakhe.
Echaza ngendlela awathi waphuncuka ngayo kumhlaseli wakhe lentwazana ithe, “Emva kokundidlwengula ndambona egaqe ngamadolo, ndaze ndamkhaba wawa, ndafumana ithuba lokubaleka ndiyofuna uncedo kwizindlu ezikufutshane.”
Elinye lamangqina enkundla uSandiswa Mtshibe uthi wothuswa kubona ixhoba likhala kwaye libaleka.
“Ndothuka xa ndibona umntwana wesikolo ekhala kwaye emdaka impahla yesikolo, wasondela kum wandonga ndaze nam ndamonga ndaqaphela okokuba wothukile kwaye waye ngcangazela,” ebalisa uMthsibe.
USandiswa uthi emva kokuva wathi okwehlele lentwazana wahlaba ikhwelo kubahlali, baphuma iphulo kukhangelwa umrhanelwa owaye nxibe iblukhwe emnyama, umntla we track suit obomvu kunye nomnqwazi omhlophe wohlobo lwe panama ngokokutsho kwexhoba.
Omnye wamangqina uthi ngethuba bekhangela umrhanelwa kulamahlalthi waye wagagana nomzimba womntu obhinqileyo sele ubanda.
“Ekukhangelni kwam ndimbonile umntu onxibe isinxibo esifana neso sichazwe njenge somrhanelwa ephuma ematyholweni ndaze ndaleqisa kodwa ndithe ndisaleqa ndabona umzimba womntu obhinqileyo ndaze ndakhwaza abanhlali.”
Elingqina lithi kuthe kusenjalo wabe omnye wabo esithi nankuya omnye umzimba womtu obhinqileyo udunduluzile kwaye wawunalo nevunjana. Bona njengabantu abahlala kude kufuphi nendawo yexhwayelo bebecinga okokuba livumba lenja efileyo.
Obunye bobungqina obuvele kule nkundla bobokuba imfonono yexhoba elineminyaka elishumi elinesixhenkxe yafunyanwa kumrhanelwa.
Kwakhona ngoMvulo, lenkundla ive indlela elathi ladlwengulwa ngayo elinye lamaxhoba likunye nogxa walo bekwindlela eya eChicken Farm ngomhla we2 kaNovember ngo2015.
Elixhoba lityhola ngelithi layalelwa okokuba libeke phantsi usana lwayo olwalu neenyanga ezisixhenkxe ngeloxesha, ebakhuphele inkabankaba yebhozo ze umrhanelwa wabadlwengula. Kodwa ngethunba eyalelwa yinkundla okokuba akhombe umrhanelwa uthe akamboni kwaye akasa mkhumbuli kuba kwakukudala ngoko.
Ityala lika Malibonge Ncokolo lisaqhuba kwinkundla ephakamileyo eBhisho.
