By: Nosipho Haya-Komisa
UZona Mpendulo ligqiyazana elineminyaka engamashumi amathathu anesibini (32) neliyinzalelwane yaseMthatha kodwa ngoku sele engumhlali waseQonce. Eligqiyazana lizenzele igama nendumasi kumakhasi onxibelelwano ngokuba yi makeup artist.
UZona ungumntwana wesine kubantwana abane, bezalwa ngu Fezeka Mpendulo. Waphumelela ibanga leshumi eneminyaka elishumi elinesithandathu ngo2004. Waphumelela isidanga kwezo buntatheli kwi dyunivesithi yaseWalter Sisulu ngo2008.
Eligqiyazana lingumama kwi nkwenkwana eselula, likhe lasebenza kwi Algoa FM okwexeshana, ngoku ukwa Social Development esebenza njenge Communication Officer. Simbuza ngeshishini lakhe labucala le beauty and makeup services iAnointed Beauty Za.
UZona uphendule wathi, “Ndisengumntwana ndandithanda ukudlala nge makeup kamama wam ndiqaba mna nabahlobo bam kodwa kuthe ekukhuleni kwam ndabona uthando lwe makeup nokuqaqambisa ubuhle bembelukazi zephondo leMpuma Koloni lukhula, ndathatha isigqibo sokuvula inkampani iAnoited Beauaty Za ngo 2012,” utshilo uZona ebalisa.
UZona Za nekulelona gama aziwa ngalo ngabaxhasi nabalandeli bakhe kumakhasi onxibelelwano uthi ukufundela ukwenza imakeup kubahlobo netshomi zakhe kumenze waba yi makeup artist egqibeleleyo nanjengoko engazange wawuyela esikolweni lomsebenzi.
“Ndiqinisekile okokuba ukwenza okanye ukufundela kubahlobo bam ukufaka imakeup ndipolisha isakhono sam kundenze ndakhula nangakumbi ngolwazi lwe makeup nobuhle.”
Elona gama lithenjiweyo nelaziwayo xa kuthethwa nge makeup ngama nenekazi kumakhasi onxibelelwano yiAnointed Beauty Za, simbuza ngemfihlelo yakhe uZona uthe, “Akukhathaliseki nokuba unabalandeli abangakanani kumakhasi onxibelelwano, okubalulekiyo kukuba abantu ubaxabise kwaye ubanike lento bayifunayo, umsebenzi wakho ugqibelele,” ecacisa uZona Za.
Lentwazana yakwa Mpendulo ikhankanye iisocial network njengenye yezixhobo ezisebenzisayo ukukhweba abaxhasi bakhe ze abamnkele ngobubele.
“Uncumo endisoloko ndinalo ebusweni bam nobubele endibanika bona yinto endincedisayo ukugcina nokurhweba abaxhasi bam ukuze nabo bandincede bahambise ivangeli ngeshishini lam.”
Lamanenekazi uwenza mahle xa esiya kumatheko afana nemitshato,awokuzalwa, nditsho nawokuvulwa kwe Palamente. Uthi phakathi kosaziwayo awakhe waqaqambisa ubuhle babo angakhankanya uZahara kunye nomsasazi weTrue fm uLali Tokwe.
UZona Za uthi elona phupha lakhe ngoku kukuba imixube namadaka (foundation) awasebenziyo ekuqaqambiseni ubuhle beenzwakazi zephondo leMpuma Koloni ibe kanti aveliswe yiAnointed Beauty Za.
UZona Mpendulo uyafumaneka ku Facebook naku Instagram ngokuthi ukhangele uAnointed Beauty Za. Okanye umtsalele umnxeba kwa 0627639695.
