Kuyaphela ukutya ezivenkileni

Posted on

By: Nosipho Haya-Komisa 

Ziyabetha bethana izimvo zoluntu kumakhasi onxibelelwano emva kwemifanekiso yabantu ababonakala beqhuba iitrolley ezigcwele ukutya neye shelves zokuxhoma ukutya zingenakutya kwii venkile ezinkulu zeli.

Oku kwenzeke emva nje kwentsuku ezimbini umongameli weli uCyril Ramaphosa ebhengeze ilizwe loMzantsi Afrika njengeli thwaxwa yintlekela ye Coronavirus, okanye iCovid-19. Umongameli ukwabhengeze ukuvalwa kwezikolo zeli kwanokunqunyanyiswa kweendibano zenginginya.

Uluntu lubonakalise inkxalabo kukuqhambuka kwentsholongwane egqugqisayo kwihlabathi nebulele inginginya yabantu kumazwe aphesheya afana neChina. Kweli loMzantsi Afrika bayi bangamashumi amathandathu anesibini abantu abafunyaniswe benentsholongwane yeCorona, ntoleyo ebengela inkxalobo eluntwini.

Ukususela ngentsa yayizolo kwindawo ezifana neHemingways Mall, Vincent Park kunye nakwi dolophu yase Monti, abantu bayagxalathelana bengena bephuma ezivenkileni zokutya nakwe zamayeza bethenga yonke into umntu acinga okokuba uzakuyidinga xa esendlini, oko kuquka ukutya, amayeza,ihand sanitiser kunye nezinto zokuzigquma ubuso (face mask). 

Uluntu kwikhasi lonxibelelwano uFacebook luvakalise izimvo ezohlukeneyo ngesantya  ekuthengwa ngaso kwivenkile zeli kwaye bathi kukhangeleka ngathi abantu abangathathi ntweni bazakushiyeka bengena kutya kuba abanye belinde impela nyanga ukuze bakwazi uthenga.

Bambi besithi kuyinto elungileyo ukuba wonke ubani ahlale exhobile kuba akukhomntu uyaziyo okokuba iConvid-9 iyophela ninina kwaye abanye bazama ukuphungula inani labantu ezivenkileni ukunqanda ukunenwa kunye nolwesuleleko lwesisifo. 

uZintathu Lukhanji waseMdantsane uthi uzigqibe zonke iivenkile eMonti ekhangela ihand sanitizer wabuya nembande yesikhova.

“Iinyawo zam zishushu oko ndihamba ndifuna lesepha yokuvasa izandla (hand sanitizer) ndifika kusithiwa iphelile, kwenye ivenkile ndifike eyokugqibela ithathwa ngomnye umfazi,” utshilo uZintathu.

Uthi kudala esiva okokuba iyaphela ezivenkileni ihand sanitizer nto kunayo ebengenamali yokuyithenga.

“Thina bantu batsala nzima izakuqala ngathi lentsholongwane kuba nangoku ndithe ukuze ndifumane imali yokuza apha edolophini ndaphiwa imali yintombi yam phofu nayo indoxulela kweyayo ngoba soyika ukufa.” 

Omnye wabantu abathenge ukutya nayo yonke nje into edingekayo uZelda Pienaar uthi, 

“Ndithenge yonke into endizakuyidinga ndintsho nkqu netoilet paper kuba andifuni nto izakundikhupha ngaphandle kwamasango endlu yam de uMongameli aphinde abhengeze okokuba iConoravirus iphelile okanye kufunyanwe iyeza lokuyinyanga .

Uthi uyabavela abo balinde impela nyanga ukuze bakwazi uthenga izinto zokutya nezokuzikhusela kuba bofika ziphelile.

“Ndibuhlungu ngabantu abangenamali ngalomzuzu kuba ziyaphela izinto ezivenkileni ingakumbi ezi zokuzikhusela zifana neface mask nehand sanitizer,” utshilo uPienaar.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *