UMasipala ubuvalile uBuhlanti

Posted on

By: Nosipho Haya-Komisa

Kumalinge okuzama ukulwa kokunwenwela kombulalazwe oyiCoronavirus kwiphondo leMpuma Koloni nakwi sixeko seBuffalo City, usodolophu wesisixeko uXola Pakathi uthethe nonondaba malunga namalungiselelo nemiqathango abayimisileyo ukukhusela uluntu kulomasipala. 

Ethetha nonondaba kwiholo yesixeko ngemva kwemini yayizolo usodolophu uthe indawo zolonwabo kwa nemisitho edibanisa abantu abangaphezulu kwekhulu azisayi kubanjwa kulomasipala, ukwathe bengumasipala abazukuzikhupha impepha ezinika uluntu igunya lokubamba imisitho efana nezemidlalo neminye.

Usodolophu ukwabhengeze ukuvalwa kwendawo ezithengisa utywala (Tarvens) neendawo zolonwabo ezifana namalwandle, imiyezo yezilwanyana, Aquarium kunye nendawo ethandwa kakhulu luluntu lwalo masipala iBuhlanti.

Kubantu abazakuba nemingcwabo usodolphu uthe mabaliqingqe inani labantu abazokugxwala emswaneni.

“Sibongoza abantu abazakuba nezifihlo ukuba bagcine inani lomlinganiselo wabantu elimiswe mongameli nekulikhulu labantu kwaye nase madlakeni sizakuqinisekisa okokuba oko kuyenziwa,” utshilo uPakati.

Usodolophu uyalele okokuba uluntu lusebenzise iinternet ukuhlawula amatyala endaweni yokuya ubuqu kwizakhiwo zika masipala ukunqanda ukugxalathelana koluntu.

“Sikhuthaza abantu ukuba bahlawule amatyala abo eenkonzo zika masipala ngokusebenzisa iinternet neemfononfomfono ukukunciphisa ukuphefulelana nokudibana kwabantu.”

UMasipala weBuffalo City Metro uzakubekela bucala imali yokuthenga izixhobo zokuthintela  iCOVID-19 kubasebenzi kunye noluntu oluze kwii ofisi zalo masipala. Oku kuquka iihand sanitizer, iface masks kunye ne gloves.

USodolophu ukugxekile ukuthengwa kokutya nee hand sanitizer ngesantya esiphezulu kwii venkile zesisixeko, watsho esithi abantu mabakhumbule okokuba ukuze lentsholongwane inganweni kufuneka wonke umntu afumane izinto zokuzigcina ekhuselekile.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *