By: Nosipho Haya-Komisa
Isebe lezempilo kwiphondo leMpuma Koloni libhengeze okokuba lizakuqesha abongikazi abazakuncedisa ukuqubisana nokunwenwa kwe ntsholongwane yeCorona iCOVID-19 kweliphondo.
Ethetha nonondaba ngentsasa yamahlanje eShared Call Centre eMonti umphathiswa wesebe lezempilo kwiphondo leMpuma Koloni uSindiswa Gomba uthe isebe lakhe lizakongeza malunga newaka uyotsho kumawaka amabini (1000-2000) labongikazi kwizibhedlele namaziko empilo eliphondo ngokuthi kuqeshwe abongikazi.
“Silisebe lezempilo sizakuqesha abongikazi abaqeqeshiweyo kodwa babe bengaphangeli kunye nabo basebenzela elisebe kumaziko empilo akwi zithili zeliphondo babe bengaqeshwanga sigxina, kodwa be kwisivumelwano senyanga ezilishumi elinesibini (12 months contract) ukulwa nokunenwa kwentsholongwane yeCorona kweliphondo,” utshilo umphathiswa uGomba.
Umphathiswa uthi ukususela kwiveki yesibini ka April belisebe bazakunika uluntu izithinteli zomkhuhlane (flu vaccination).
“Abantu abakhulelweyo,abanentsholongwane kagawulayo kunye nabantu abadala ngabona kuzakugxilwa kubo ngamandla xa kusenziwa oluthintelo lomkhuhlane, ukuqinisekisa okokuba abahlaselwa ngumkhuhlane ngelixesha lase busika, kuba oko kungandisa amathuba abo okufunyanwa yi COVID-19.”
Kwiphondo leMpuma Koloni babini abantu abachazwe njengaba nentsholongwane yeCoronavirus, nto leyo ilibeka inani labantu kumakhulu amane anesibini (402) abantu abahlaselwe ngulo bhubhane kwilizwe loMzantsi Afrika.
Umntu wokuqala ukufunyanwa enalentsholongwane kwiphondo leMpuma Koloni ngowasetyhini oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) nelingumsebenzi kwinkampani yase Jamani eyenza iimoto iMercedes Benz SA nezinze eWest Bank, eMonti.
Ukanti owesibini ngomnye wabatyeleli abalishumi elinanye abaphuma eJamani, nabebetyelele kwiphondo laKwaZulu Natal kodwa kamva beza eChintsa, eMonti.
Umphathiswa uGomba uthi bathe bakuyiva lento belisebe, khange balibazise bayokuvala kumasango alendawo yabatyeleli eChintsa ukuze kungabikho bantu bangenanayo nabaphumayo. Bona abatyeleli bazakuhlala kulendawo kangange ntsuku ezilishumi elinesine logama abanye besalinde iziphumo zabo zentsholongwane yeCorona Virus.
