By: Nosipho Haya-Komisa
Ukuqinisekisa okokuba ikati ayilali eziko kumakhaya abo baphila ngokuthengisa into esiwa phantsi kwempumlo kwizitalato nakwi ranki yeetaxi eBhisho, isebe Lentsebenziswano kuRhulumento kunye neMicimbi yeMveli kwiphondo leMpuma Koloni libambisene ne arhente yezibonelelo zika rhulumente uSASSA banikezele ngeepasile zokutya kumanina asibhozo.
Le yinxalenye ka rhulumente weliphondo yokukhawulelana nezidingo zoluntu ngelixesha lentsuku ezingamashumi amabini ananye ze lockdown ukunqanda ukunwenwa kwe ntsholongwane ye Corona.
Lamanina kubenzima okokuba akwazi ukuthengisa emva kokuba uMongameli weli ethe wabhengeza ukumiswa ngxi kwee ntshukumo zoluntu kweli ngenxa yokuqhambuka kwentsholongwane yeCorona kweli nakwi hlabathi ngokubanzi.
Oku kubangele okokuba kubenzima kulamanina ukubeka into etyiwayo etafileni.
Omnye walamanina ngongafunanga ukuba igama lakhe lithiwe paha uthe,
“Ndiyabulela kurhulumente ngalenkxaso, besele kunzima kum ngoku ndingazi okokuba abantwana bam bazolala betye ntoni, lento yale ntsholongwane isichanile thina bantu baphila ngothengisa.”
Ukwathi ucela urhulumnte enze ngako konke anako ukuza nechiza lalobhubhane.
Isithethi selisebe uMakhaya Komisa uthi elisebe libambisene noSASSA lithathe elinyathelo ukuqinisekisa okokuba ezintsapho zinento yokutya kwezintsuku zingamashumi amabini ananye (lockdown).
UKomisa uthi bakwahlaba ikhwelo kuluntu ukuba lwabelane nabo bangathathi ntweni ngelixesha le COVID-19.
Kwiphondo leMpuma Koloni abantu abafunyaniswe benentsholongwane yeCorona bangamashumi amane anesihlanu ukuzakuthi ga ngoku.
