By: Nosipho Haya-Komisa
Njenge nxalenye yokuqinisekisa okokuba uluntu aluhlali ebumnyameni ngezintsuku zingamashumi amabini ananye zokunqanda ukunwenwa kwentsholongwane yeCorona, umphathiswa wesebe lezeNtsebenziswano kuRhulumento kunye neMicimbi yeZemveli kwiphondo leMpuma Koloni uXolile Nqatha ubhalele bonke omasipala beliphondo ebakhuthaza okokuba bathi xha ngokucinywa kombane kulo makhaya asemva ngeentlawulo zikamasipala.
Kwakhona elisebe likwacele oomasipala okokuba babavulele umbane abo bathi bacinyelwa phambi kokuba uMongameli weli uCyril Ramaphosa abhengeze ukumiswa ngxi kweentshukumo zoluntu.
Isithethi somphathiswa welisebe uMakhaya Komisa ukungqinile okuba ngenene elisebe libabhalele omasipala.
“Ngokwe solotya u96 womthetho olawula oomasipala (Municipal Systems Act) uthi oomasipala mabaqokelele imali ekufuneka ibhatelwe kubo ngenkonzo abazinikeza uluntu kwaye babenecandelo elijongene namatyala (Debt Collection Policy). Kodwa ngenxa yokuqhambuka kweCOVID-19 sikhuthaza omasipala ekubeni bangawucimi umbane kumakhaya asemva ngentlawulo ukuyotsho ngomhla wamashumi amathathu ku April 2020,” utshilo uKomisa.
Elisebe likwathi oku makungabonwa njenge nkqubo yesaphulelo kamasipala igrant relief okanye ukukhuthaza uluntu lungabhatali amatyala enkonzo abazifumana kumasipala, koko lena yinxalenye yokunqanda intshukumo zoluntu kwezintsuku zelockdown.
Loka Nqatha ukwakhuthaze oomasipala ekubeni bayibekele bucala imiqathango efana nokongiwa kwamanzi nebimiselwe ngenxa yembalela.
UMasipala weBuffalo City Metro sele uqalile ngephulo lokuqinisekisa okokuba abantu abangathathi ntweni abahlali ebumnyameni ngezintsuku zingamashumi amabini ananye zimiselwe ngu mongameli weli (lockdown).
Lomasipala uvule inombolo yomnxeba apho abantu abaxhamlayo kwi nkqubo yasimahla yesibonelelo senkonzo zika masipala iIndigant Policy bazakuthi bafumane khona isibonelelo sombane esingango 50kW ngokuthi bacofe *120*1779# bakhethe u1 emva koko bafake inombolo ye metre bandule ukuthumela ze bafumane ivoucher number yombane wasimahla.
Iphondondo leMpuma Koloni lelinye lamaPhondo athwaxwa kakhulu yintswela ngqesho nto leyo ebangela okokuba kwabanye abantu kubenzima ukuhlawula iinkonzo zikamasipala.
Ukuzakuthi ga ngoku bangamashumi amathathu anesibini abantu abathe bafunyaniswa benentsholongwane yeCorona kweliphondo.
