By: Nosipho-Haya-Komisa
Ngokwe calender yesikolo kwiphondo leMpuma Koloni bekumele okokuba zivuliwe izolo umhla we14 ka April kodwa ngenxa yokuqhambuka kwentsholongwane yeCorona kuzwelonke akunjalo.
Ukukhawulelana nesebe lezemfundo kweli ngezintsuku zingamashumi amathathu zokulwa ukunwenwa kwentsholongwane yeCorona abazali sele beqalile ngenkqubo zokufundisa abantwana besemakhaya.
Le ke asinto ilula nanjengoko abanye abazali bengenalwazi lubheke pha ngezifundo ezifana nezibalo neAccounting kunye nezinye.
Omnye umzali ongakhe afune okokuba igama lakhe lipapashwe uthe,
“Mna ndayeka kwibanga lesihlanu esikolweni ngoku andiyazi ukuba ndizoqala ngaphi ukuncesisa intwazana yam eyenza ibanga uGrade 8.”
Ezinye izikolo ephondweni sele ziqalile ngokuthumelela abafundi umsebenzi wasekhaya besebenzisa ubuxhakaxhaka balemihla obufana noWhatsapp.
Nangona uninzi lwabazali lukwazi ukuwenza lomsebenzi emakhaya kodwa owona mceli mgeni kukunqongophala kwezixhobo zokusebenza ezifana ne computer kunye ne internet.
Ukanti abona bantu bathwaxwa kakhulu yilento, ngabo bahlala ezilalini nabebefudula bedibana ndawonye ukuze babelane ngolwazi kuba kungekho zi internet okanye icomputer kwindawo abakuzo.
UMasande Petse nongumama kumakhwenkwana amathathu afunda kumabanga aphantsi ekwa ngumfundi kwi dyunivesithi yeli (UNISA) uthi kukho lula ukuzibona sele engutishalakazi kubantwana abathathu kwanga xeshanye uphinde ube ngu mama wekhaya.
UMasande uthi, “Ndithi ndisephakathi kwizifundo zabo kubekho olambileyo kwangaxeshanye funeka ndibenalo nexesha lokudlala nabo ukuphumza iingqondo zabo.”
UMasande uthi usebenzisa ulwazi oluthunyelwa sisikolo abafunda kuso oonyana bakhe, uchannel 317 no319 kwi Dstv kunye noSiyavula ofumaneka ku google nabanye ovimba bolwazi ngezemfundo ukuncedisana neentsana zakhe.
Eligqiyazana lithi lomsebenzi awukho lula nanjengoko kufuneka ejongene nee assignments zakhe zaseUnisa aphinde ajongane nembiza kwa nomsebenzi wendlu, kodwa ngoncedo lomyeni wakhe yonke into ibonakala ilula.
Lengxuba kaxaka ke ayichaphazeli abo bakumabanga aphantsi koko ichaphazela namaziko emfundo ephakamileyo.
Izikolo azikaziwa okokuba zovulwa nini de uMongameli weli abhengeze ukubuyela kwezinto esimeni.
