By: Nosipho Haya-Komisa
Iziphumo zokuqala zophando ngoku bhubha kwabantwana abangamshumi amabini ananye kwindawo yentselo ebizwa ngokuba kuse Nyobeni Tavern eScenery Park, zibonakalisa okokuba i-Carbon monoxide ngunobangela wokukubhubha kwabo.
Kukholelwa kwelokuba ijenerayitha ye petrol eyafunyanwa kwindawo yexhwayelo yiyo eyakhupha umsi otyhefekileyo ze warhaxa abantwana abaphakathi kweminyaka elishumi elinesithathu nelishumi elinesixhenkxe ubudala.
Kodwa nangona kunjalo ingxelo yamapolisa ithi ngethuba befika kwindawo yexhwayelo bayibona ijanareyitha kodwa yayingena petroli. Uphando lusaqhuba.